1 “Ukuba ubhaqa inkomo okanye igusha yomwenu ilahleka, sukuyijonga nje, koko yinqande uyigoduse.
2 Kodwa ke ukuba umniniyo uhlala kude okanye akuyazi ukuba yekabani na, yithathe uyigcine kwakho. Akufika ke umniniyo eyifuna mnike.
3 Yenza kwaloo nto nokuba yidonki okanye yimpahla yokunxiba oyicholeyo, nayo nantoni na yomwenu elahlekileyo.
4 “Ukuba idonki okanye inkomo yomwenu ibuthisile, sukugqitha nje; mncedise niyiphakamise.
5 “Abafazi mabanganxibi iimpahla zamadoda, ngokunjalo namadoda makangazinxibi iimpahla zabafazi, kuba abantu abenza imikhuba elolo hlobo banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho.