12 “Impahla yakho yenzele amanquma kumasondo omane.”
13 “Kungenzeka ukuba indoda izeke, ize kamva idikwe ngumfazi lowo,
14 imnyelise ngokuthi: ‘Ndamzeka, ndaza ndathi ndakusondela kuye ndabhaqa into yokuba akayontombi.’
15 “Kumbandela onje ke abazali bomfazi baya kuthatha ubungqina bobuntombi, baye nabo enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.
16 Wothetha enjenje ke uyise: ‘Lo mfo wathatha le ntombi yam ukuba ibe ngumkakhe; kodwa ngoku udikiwe yiyo.
17 Uyayityhola ngokuthi: “Kuthe kanti ibingeyontombi.” Kambe ke, nabu ubungqina obudiza ubuntombi bomntwan' am; khangelani, niyayibona le ngubo; injani?’
18 Kwesi sithuba ke amadoda amakhulu edolophu leyo aya kuyithatha indoda leyo ayikatse.