2 Kodwa ke ukuba umniniyo uhlala kude okanye akuyazi ukuba yekabani na, yithathe uyigcine kwakho. Akufika ke umniniyo eyifuna mnike.
3 Yenza kwaloo nto nokuba yidonki okanye yimpahla yokunxiba oyicholeyo, nayo nantoni na yomwenu elahlekileyo.
4 “Ukuba idonki okanye inkomo yomwenu ibuthisile, sukugqitha nje; mncedise niyiphakamise.
5 “Abafazi mabanganxibi iimpahla zamadoda, ngokunjalo namadoda makangazinxibi iimpahla zabafazi, kuba abantu abenza imikhuba elolo hlobo banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho.
6 “Ukuba ubonisele intaka emthini okanye phantsi, waza wafumanisa ukuba imazi leyo iyafukama okanye inamathole, sukuyibamba uyithathe imazi leyo.
7 Amathole wona ungawathatha, kodwa ke yena unina myeke, khon' ukuze uxhamle ubomi obude obunenkqubela.
8 “Xa usakha indlu yenzele ungqameko apha emaphethelweni ephahla, khon' ukuze ungabi natyala lakubulala xa umntu ewe khona waza wafa.