11 Kuya kuthi ke emalanga lihlambe umzimba, lize lithi lakutshona ilanga libuyele kwibutho lalo.
12 “Kufuneka ube nendawo yangasese ngaphandle qelele kwisikhululo sakho.
13 Phakathi kwezikrweqe zakho malubekho ulugxa, khon' ukuze uthi xa uye ese uzimbele umngxuma owohlala kuwo.
14 Kaloku *uNdikhoyo uThixo wakho uhlala kunye nawe, khon' ukuze akukhusele, ube nokuzoyisa iintshaba zakho. Ungaze wenze nto ilihlazo, khon' ukuze angakufulatheli uNdikhoyo.”
15 “Xa lithe ikhoboka lamshiya umninilo, labalekela kuwe, sukuligodusa.
16 Lingahlala nakuyiphi na idolophu eliyithandayo. Malingaphathwa gadalala.
17 “UmSirayeli, eyindoda okanye engumfazi, makangaze abe lihenyu lokunqula *izithixo.