2 “Umntwana wombulo ngokunjalo nenzala yakhe kude kuye kwisizukulwana seshumi maze angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.
3 “UmAmon okanye umMowabhi, ngokunjalo nenzala yakhe kude kuye kwisizukulwana seshumi, aze angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.
4 Kaloku wona ala ukukupha ukutya namanzi ngokuya wawuvela eJiputa; ndaweni yaloo nto aqesha uBhalam unyana kaBhehore, owayephuma kwisixeko iPetore kwelaseMesopotami, ukuba akuqalekise.
5 Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wakho zange amhoye uBhalam lowo; ndaweni yaloo nto wasijika isiqalekiso eso saba yintsikelelo ngenxa yokuba ekuthanda.
6 Ngalo lonke ixesha uzungaze ube nobudlelwane nezi zizwe okanye ukhuthaze inkqubela yazo.
7 “Ungaze uwajongele phantsi amaEdom; kaloku uyazalana nawo. NamaJiputa uzungaze uwajongele phantsi; kaloku wawukhe waba ngumphambukeli elizweni lawo.
8 Wona ukusukela kwisizukulwana sawo sesithathu angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.”