1 “Xa amaSirayeli amabini exabene, aza asana enkundleni, omnye wawo ke wafunyaniswa engenatyala, waza ke wagwetywa omnye lo;
2 ukuba ugwetywe ikatsi, umgwebi makatsho acanjalaliswe. Inani lemivumbo yakhe loxhomekeka kwelo tyala alenzileyo.
3 Angákatswa ukuya kwimivumbo emashumi mane, kodwa ke ingadluli apho. Kaloku xa inokuba ngaphezu kwaleyo wòba umthobile umwenu.
4 “Xa usebenzisa inkabi yenkomo ekubhuleni ingqolowa, musa ukuyifaka isicheme.”
5 “Ukuba oonyana bomntu omnye bahlala mzini-mnye, aze omnye lo asweleke engenanyana, umhlolokazi lowo kamfi akufuneki athathwe ndoda yamzi wumbi; kaloku luxanduva lomntakwabo-mfi ukumthatha amenze umfazi.
6 Ke unyana wokuqala abaya kumzala bobabini woba ngunyana kamfi, khon' ukuze umlibo wakhe ungatshitshi kwaSirayeli.
7 Kambe ke ukuba umntakwabo-mfi lo akafuni kumthatha, umka-mfi makaye kuxelela amadoda amakhulu edolophu leyo, athi: ‘Umntakwabo-mfi akavumi kuwenza umsebenzi wakhe; uyala ukuvelisela umfi inzala phakathi kwamaSirayeli.’