1 “Wakuba ungenile wema kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho,
2 umntu ngamnye aze athathe ibhaskiti, afake ulibo lwento nganye ayilimileyo, aye nayo kuloo ndawo yonqulo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho ukuzinzisa igama lakhe.
3 Akufika ke uya kuya kumbingeleli osesikhundleni ngelo xesha, afike athi kuye: ‘Ngoku ndivakalisa kuNdikhoyo uThixo wam ukuba ndingenile kwelo lizwe wayethembise ngesifungo ukusinika lona koobawo-mkhulu.’
4 “Ke yena umbingeleli lowo uya kuyithatha ibhaskiti leyo, ayibeke phambi kweqonga lamadini kaNdikhoyo uThixo wakho.