7 Ke thina sazibika kuNdikhoyo uThixo woobawo-mkhulu. Yena wasiva isikhalo sethu, wakubona oko kubandezeleka, naloo hambo-nzima, ngokunjalo nengcinezelo esasikuyo.
8 Ngobo bungangamsha naloo mandla akhe ke wasikhupha kwelaseJiputa. Wenza imiqondiso nemimangaliso, wabetha kwehla izinto ezirhwaqelisayo.
9 Wasithatha ke waza kusibeka apha, wasinika eli lizwe lobisi nobusi.
10 Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo, ndikuphathele olu libo lwesivuno somhlaba ondiphe wona.’“Wakuba utshilo ke, ibhaskiti leyo uya kuyibeka phantsi apho phambi koNdikhoyo uThixo wakho, umnqule.
11 Ewe, vuya, ube nemincili ngenxa yendyebo wena nendlu yakho akunike yona uNdikhoyo uThixo wakho. NabaLevi kunye nabangeneleli abahlala apho phakathi kwenu mababe nenxaxheba apho kulo msitho.
12 “Njalo kunyaka wesithathu, ongunyaka wezishumi, khupha isishumi sesivuno sakho, usinike abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze bathi xa bebonke, kuzo zonke izixeko, batye banele. Wakuba wenjenjalo ke
13 thetha noNdikhoyo uThixo wakho, uthi: ‘Ngoku ke ndiyikhuphile inxaxheba yakho; ndiyiphe abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, ngokomyalelo owandinika wona. Ewe, andiphambukanga okanye ndilibale namnye kwimiyalelo yakho ngesishumi.