9 Wasithatha ke waza kusibeka apha, wasinika eli lizwe lobisi nobusi.
10 Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo, ndikuphathele olu libo lwesivuno somhlaba ondiphe wona.’“Wakuba utshilo ke, ibhaskiti leyo uya kuyibeka phantsi apho phambi koNdikhoyo uThixo wakho, umnqule.
11 Ewe, vuya, ube nemincili ngenxa yendyebo wena nendlu yakho akunike yona uNdikhoyo uThixo wakho. NabaLevi kunye nabangeneleli abahlala apho phakathi kwenu mababe nenxaxheba apho kulo msitho.
12 “Njalo kunyaka wesithathu, ongunyaka wezishumi, khupha isishumi sesivuno sakho, usinike abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze bathi xa bebonke, kuzo zonke izixeko, batye banele. Wakuba wenjenjalo ke
13 thetha noNdikhoyo uThixo wakho, uthi: ‘Ngoku ke ndiyikhuphile inxaxheba yakho; ndiyiphe abaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi, ngokomyalelo owandinika wona. Ewe, andiphambukanga okanye ndilibale namnye kwimiyalelo yakho ngesishumi.
14 Andityanga nento le kuso xa ndandizilile; andakhupha nento le kuso kowam umzi xa *ndandinomlaza; futhi andithathanga nento le kuso ndenza idini labangasekhoyo. Ndikuthobele, Ndikhoyo Thixo wam. Ewe, ndenze konke obundiyalele kona mayela nesishumi.
15 Ngoko ke khawondele ezantsi ukwelo khaya lakho likhethekileyo – izulu – ujonge usapho lwakho amaSirayeli, uwathi jize ngamathamsanqa, ngokunjalo nalo mhlaba usiphe wona. Ewe, yenza ngokwesifungo sakho koobawo-mkhulu – nditsho eso selizwe eliphuphuma ubisi nobusi.’ ”