2 Mhla nayiwela iJordan nangena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wenu, ze nimise amatye amakhulu, niwatyabeke ngefutha,
3-4 niwabhale kuwo onke amazwi alo mthetho. Xa seniwelile nangena kwelo lizwe lobisi nobusi nalithenjiswa nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu, la matye ze niwamise kwintaba iEbhali, niwatyabeke ngefutha ngokwalo myalelo ndininika wona namhlanje.
5 Apho ke ze nakhele uNdikhoyo uThixo wenu iqonga lamadini ngamatye angaqingqwanga ngezixholo zentsimbi.
6 Kaloku iqonga enilakhela uNdikhoyo uThixo wenu kufuneka libe lelamatye angaqingqwanga. Kulapho ke ekufuneka ninikele ngamadini atshiswayo,
7 ngokunjalo nenze namadini obudlelwana, nitye ninombulelo apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu.
8 Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”
9 UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek' iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.