5 Apho ke ze nakhele uNdikhoyo uThixo wenu iqonga lamadini ngamatye angaqingqwanga ngezixholo zentsimbi.
6 Kaloku iqonga enilakhela uNdikhoyo uThixo wenu kufuneka libe lelamatye angaqingqwanga. Kulapho ke ekufuneka ninikele ngamadini atshiswayo,
7 ngokunjalo nenze namadini obudlelwana, nitye ninombulelo apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu.
8 Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”
9 UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek' iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.
10 Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”
11 Ngaloo mini uMosis wawayalela amaSirayeli, wathi: