7 ngokunjalo nenze namadini obudlelwana, nitye ninombulelo apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu.
8 Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”
9 UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek' iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.
10 Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”
11 Ngaloo mini uMosis wawayalela amaSirayeli, wathi:
12 “Xa seniyiwelile iJordan ezi zizwe zilandelayo ze zime kwintaba iGerizim xa kuthamsanqelwa amaSirayeli: uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uJosefu, noBhenjamin.
13 Kanti ke nazi eziya kuma kwintaba iEbhali xa kuqalekiswa: uRubhen, uGadi, uAshere, uZebhulon, uDan, noNafetali.