8 “UNdikhoyo uThixo uya kuwuthamsanqela umsebenzi wakho, izisele zakho zihlale ziphuphuma. Uya kukuthi jize ngamathamsanqa kwelo lizwe akunika lona.
9 “Ukuba niyithobele imiyalelo nahamba ngokwelizwi lakhe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kunimisela nibe ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe.
10 “Ziya kuthi ke izizwe zehlabathi, zakuqonda ukuba uNdikhoyo unenze abantu bakhe, zitsho zinihlonele.
11 “Ewe, uNdikhoyo wokuthi jize ngenkqubela, uzale abantwana, imfuyo yakho ibe namathole namatakane, amasimi akho axakathe isivuno kwelo lizwe uNdikhoyo wafunga ukubanika lona ooyihlo-mkhulu.
12 UNdikhoyo uya kuwavula amazulu ngexesha elililo, imvula ayiphokoze kuvimba wakhe, awuthamsanqele umsebenzi wakho, khon' ukuze ungasweli nto, koko ubolekis' ezizweni, phofu wena ngokwakho ube ungafuni nto mntwini.
13 UNdikhoyo uya kukwenza ube yimbalasane phakathi kwezizwe, ungabi semxukuxeleni. Uya kuba soloko unenkqubela, ungaze uwe phantsi, ukuba uyithobele wayenza imiyalelo yakhe endikunika yona namhlanje.
14 Noba sekutheni na ungaze uphambuke nakancinane kule miyalelo; ungaze unqule ubuse *oothixo abangabambi.”