12 Nilapha ke khon' ukuze nifungiswe nibopheleleke kumnqophiso noNdikhoyo uThixo wenu,
13 ukuze uNdikhoyo animisele nibe ngabantu bakhe ncakasana, yena ke abe nguThixo wenu ngokwesithembiso sakhe nanjengoko wafungayo kooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi.
14 Lo mnqophiso ke ngokunjalo nesi sifungo uNdikhoyo akasenzi nani kuphela,
15 koko usenza nabo bonke, nabangekhoyo apha namhlanje, ngokunjalo nani nina nimi phambi kwakhe namhlanje.
16 “Niyazi ukuba kwakunjani na kwelaseJiputa; futhi nisayikhumbula indlela esahamba ngayo sicanda kwimihlaba yezinye izizwe.
17 Nayibona nemifanekiso engamasikizi eyenziwe ngomthi, amatye, isiliva, negolide.
18 Lumkani ke hleze kubekho ndoda, mfazi, noba ngumzi, okanye isizwe kwezimi apha namhlanje, esiya kuthi simfulathele uNdikhoyo uThixo, sinqule *oothixo beentlanga. Ze niqiniseke ingaze ibekho phakathi kwenu ingcambu eyityhefu evelisa iziqhamo ezikrakra.