19 Xa umntu ololo hlobo athi akuyiva imiqathango yalo mnqophiso azikhohlise entliziyweni yakhe, athi: ‘Mna andinakuhlelwa nto; ndohlala eluxolweni noxa ndisenza ukuthanda kwam,’ into enjalo ingabangela ukuba kutshatyalaliswe konke nje, olungileyo nongendawo.