25 Impendulo ke iya kuthi: ‘Kungenxa yokuba betyeshele umnqophiso ophakathi kwabo noNdikhoyo uThixo wooyise-mkhulu; mnqophiso lowo bângena kuwo ekubakhupheni kwakhe eJiputa.
26 Basuke banqula *thixo bambi ababengabazi ngaphambili, ababengavumelekile ukuba babanqule.
27 UNdikhoyo ke wavutha ngumsindo, waza elo lizwe walihlisela ezi ziqalekiso zibhalwe apha kule ncwadi.
28 Ewe, wakhathazeka gqitha, wabancothula ngomsindo kwelakowabo, wabafudusela kwilizwe lasemzini apho basekhoyo unanamhla.’
29 “Kambe ke zona izinto ezifihlakeleyo zezikaNdikhoyo uThixo wethu, ukanti ke zona ezityhiliweyo ziya kusoloko zizezethu nabantwana bethu. Ngoko ke masiyithobele imiqathango yalo mthetho.”