5 Kule minyaka ingamashumi amane ndinikhokela entlango, impahla yenu yokunxiba, ngokunjalo neembadada zenu, azikhange ziguge.
6 Beningenasonka nawayini natywala, kodwa uNdikhoyo unilungiselele, khon' ukuze nimqonde ukuba unguNdikhoyo uThixo wenu.
7 Sithe ke sakufika kulo mhlaba baphuma beza kusihlasela ookumkani uSihon waseHeshbhon nokumkani uOgi waseBhashan. Kambe ke saboyisa.
8 Umhlaba wabo ke sawuthimba, sawahlulela indlu kaRubhen nekaGadi ngokunjalo nesiqingatha sakwaManase.
9 Ngoko ke yithobeleni ngenyameko imiqathango yalo mnqophiso, khon' ukuze nibe nempumelelo kuyo yonke into eniyenzayo.
10 “Namhlanje ke nimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nina xa ninonke – iintloko zezindlu zakuni, amadoda amakhulu, amaphakathi namadoda akwaSirayeli ephela,
11 abafazi nabantwana benu, nabangeneleli abacanda iinkuni nabakha amanzi.