1 “Ke kaloku senyuka saya eBhashan. Ke yena ukumkani uOgi waphuma nawo wonke umkhosi wakhe, wasihlasela ngase-Edreyi.
2 *UNdikhoyo ke wathi kum: ‘Musani ukumoyika; ndimnikele ezandleni zenu, ndawonye nomkhosi wakhe, nawo wonke umhlaba wakhe. Nakuye yenzani kwangaloo ndlela nenza ngayo kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon.’
3 “Ngoko ke uNdikhoyo wamnikezela kuthi nokumkani uOgi waseBhashan, saza samxabela ndawonye nabantu bakhe, akwasala namnye.
4 Ngokunjalo ke sazihlasela sazithatha zonke iidolophu zakhe, asashiya noba ibe nye. Xa zizonke yaba ziidolophu ezimashumi mathandathu yonke loo ngingqi yaseAgobhi, eyayiphantsi ko-Ogi ukumkani waseBhashan.
5 Zonke ke ezo dolophu zazinqatyisiwe zibiyelwe ngeendonga, zinamasango omelezwe ngemivalo yentsimbi; phofu zazikho needolophu ezazingabiyelwanga.
6 Zonke ke sazitshabalalisa, sabulala ndoda, mfazi, namntwana wembala, kanye kwangalaa ndlela senza ngayo kwiidolophu zikakumkani uSihon waseHeshbhon.
7 Sazithimbela iinkomo namanye amaxhoba apho ezidolophini.