19 Abafazi nabantwana, ngokunjalo nomhlambikazi weenkomo zenu, mabasale apha kwezi dolophu ndinabele zona.
20 Wancedeni amawenu nawo ade azinze kuloo mhlaba awuphiwe nguNdikhoyo kwintshonalanga yomlambo iJordan, njengoko selenzile nakuni. Emva koko ke noba nako ukubuyela apha kulo mhlaba usisabelo senu.’
21 “Ndaza ke ndathetha noYoshuwa, ndathi: ‘Sowuyibonile ke into eyênziwa nguNdikhoyo uThixo wethu kookumkani ababini, uSihon no-Ogi. Úsaza kwenza kwaloo nto ke nakubo bonke ookumkani obahlaselayo kwelo lizwe ùya kulo.
22 Ningaboyiki, kuba uNdikhoyo uThixo wenu nguye oza kunilwela.’ ”
23 “Kwangelo thuba ndambongoza *uNdikhoyo, ndathi:
24 ‘Mhlekazi Ndikhoyo, nakalokunje wena sowundikrobisile kumsebenzi wakho omkhulu omangalisayo oseluwuqalile. Akukho *thixo wumbi ezulwini nasemhlabeni onako ukwenza imisebenzi enjengale uyenzileyo ukuba mikhulu!
25 Ndiyakubongoza kaloku, Ndikhoyo, ndivumele ndiyiwele iJordan, ndiwubone loo mhlaba mhle kunene, ngaphesheya phaya, ezaa nduli zibukekayo ngokunjalo naloo ntaba yeLebhanon.’