22 Ningaboyiki, kuba uNdikhoyo uThixo wenu nguye oza kunilwela.’ ”
23 “Kwangelo thuba ndambongoza *uNdikhoyo, ndathi:
24 ‘Mhlekazi Ndikhoyo, nakalokunje wena sowundikrobisile kumsebenzi wakho omkhulu omangalisayo oseluwuqalile. Akukho *thixo wumbi ezulwini nasemhlabeni onako ukwenza imisebenzi enjengale uyenzileyo ukuba mikhulu!
25 Ndiyakubongoza kaloku, Ndikhoyo, ndivumele ndiyiwele iJordan, ndiwubone loo mhlaba mhle kunene, ngaphesheya phaya, ezaa nduli zibukekayo ngokunjalo naloo ntaba yeLebhanon.’
26 “Kambe ke ngenxa yenu, bantundini, uNdikhoyo wacaphuka, akandiphulaphula, suka wathi: ‘Kwanele; sukuba sathetha nokuthetha! Andisafuni kuva nto ngalo mcimbi.
27 Nto nje hamba uqabele kwincochoyi yentaba iPisga, ulibuke ujonge ngasentla, ezantsi, empuma, nasentshonalanga. Uya kulibona kuphela ngamehlo, kuba awusoze uwuwele umlambo iJordan.
28 UYoshuwa myale, umkhuthaze, umomeleze, kuba nguye oza kukhokela amaSirayeli awele aye kuma kwelo lizwe ulibonayo.’