26 “Kambe ke ngenxa yenu, bantundini, uNdikhoyo wacaphuka, akandiphulaphula, suka wathi: ‘Kwanele; sukuba sathetha nokuthetha! Andisafuni kuva nto ngalo mcimbi.
27 Nto nje hamba uqabele kwincochoyi yentaba iPisga, ulibuke ujonge ngasentla, ezantsi, empuma, nasentshonalanga. Uya kulibona kuphela ngamehlo, kuba awusoze uwuwele umlambo iJordan.
28 UYoshuwa myale, umkhuthaze, umomeleze, kuba nguye oza kukhokela amaSirayeli awele aye kuma kwelo lizwe ulibonayo.’
29 Ngoko ke sahlala apho kuloo ntili ijongene neBhete-pehore.”