4 Ngokunjalo ke sazihlasela sazithatha zonke iidolophu zakhe, asashiya noba ibe nye. Xa zizonke yaba ziidolophu ezimashumi mathandathu yonke loo ngingqi yaseAgobhi, eyayiphantsi ko-Ogi ukumkani waseBhashan.
5 Zonke ke ezo dolophu zazinqatyisiwe zibiyelwe ngeendonga, zinamasango omelezwe ngemivalo yentsimbi; phofu zazikho needolophu ezazingabiyelwanga.
6 Zonke ke sazitshabalalisa, sabulala ndoda, mfazi, namntwana wembala, kanye kwangalaa ndlela senza ngayo kwiidolophu zikakumkani uSihon waseHeshbhon.
7 Sazithimbela iinkomo namanye amaxhoba apho ezidolophini.
8 “Ngelo thuba ke sawuthatha wonke umhlaba wezo kumkani zimbini zama-Amori, ngasempuma yomlambo iJordan, ukusuka kumlambo iAnoni ukuya kwintaba iHermon.
9 Ke intaba iHermon yayibizwa ngokuba yiSiriyon ngamaSidon, ama-Amori wona esithi yiSenire.
10 Sawuthatha wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan: ezo dolophu zikuloo mathafa, ummandla waseGiliyadi naseBhashan, sada saya kutsho empuma kwiidolophu zaseSaleka nase-Edreyi.