6 Zonke ke sazitshabalalisa, sabulala ndoda, mfazi, namntwana wembala, kanye kwangalaa ndlela senza ngayo kwiidolophu zikakumkani uSihon waseHeshbhon.
7 Sazithimbela iinkomo namanye amaxhoba apho ezidolophini.
8 “Ngelo thuba ke sawuthatha wonke umhlaba wezo kumkani zimbini zama-Amori, ngasempuma yomlambo iJordan, ukusuka kumlambo iAnoni ukuya kwintaba iHermon.
9 Ke intaba iHermon yayibizwa ngokuba yiSiriyon ngamaSidon, ama-Amori wona esithi yiSenire.
10 Sawuthatha wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan: ezo dolophu zikuloo mathafa, ummandla waseGiliyadi naseBhashan, sada saya kutsho empuma kwiidolophu zaseSaleka nase-Edreyi.
11 “Ukumkani uOgi waba ngowokugqibela kumaRafa. Wayelala ebhedini yentsimbi. Yayiziimitha ezine ubude, zikwisithuba sesibini ububanzi. Nangoku ke isekhona kwidolophu yama-Amon iRabha.”
12 “Ukuwuthatha kwethu umhlaba osempumalanga yeJordan, amaRubhen namaGadi ndawanika ummandla ongasentla kweArure ngakumlambo iAnoni, nenxalenye yeleentaba zaseGiliyadi, ngokunjalo needolophu zakhona.