1 Waqhubela phambili uMosis ukuthetha nawo onke amaSirayeli,
2 wathi: “Ngoku sendinekhulu mashumi mabini eminyaka. Andisenako ukunikhokela. Kaloku *uNdikhoyo wandazisa ukuba andiyi kuyiwela iJordan.
3 NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela niwele, azivuthulule zitshabalale iintlanga zelaa lizwe, ukuze ke nina ningene nime kulo. Ngokomlomo kaNdikhoyo nguYoshuwa oza kunikhokela niwele iJordan.
4 UNdikhoyo uya kuzitshabalalisa ezo ntlanga kwanjengokuba wenzayo kookumkani bama-Amori, uSihon no-Ogi, awabatshabalalisayo kunye nomhlaba wabo.