26 “Thathani, nantsi ke incwadi yomthetho. Yibekeni ecaleni letyesi yomnqophiso kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze ibe lingqina likaNdikhoyo ngamaSirayeli.
27 Kaloku ndiyanazi ukuba nizizibhoja ezinenkani. Ngexesha lokudla kwam ubomi benivukelana naye uNdikhoyo; nobeka phi na ukumvukela xa ndingasekhoyo?
28 Ngoko ke khanihlanganise amadoda amakhulu ezizwe zakowenu neenduna zenu, ukuze ndiwaxelele ezi zinto. Ndiza kubiza amazulu nehlabathi, ukuze andingqinele.
29 Kaloku ndiyazi ukuba xa ndingasekho niya kuba ziinjubaqa, niphambuke kule ndlela ndiniyalele yona. Kananjalo ke, kumaxesha ezayo, niya kuhlelwa ziintlekele ngenxa yokuba nixhokonxa uNdikhoyo ngobubi bezithixo ezenziwe zizandla zenu.”
30 Ke kaloku uMosis yena wawucengceleza wonke lo mbongo, amaSirayeli wona ephulaphule: