12 Ewe, uNdikhoyo wamkhokela yedwakungekho *thixo ungomnye umncedisayo.
13 Wamqabelisa imimango enyukayo,wayixhamla imveliso yelizwe;watya ubusi emaweni,waza umnquma wavelisa elulwalweni.
14 Iimazi zeenkomo nezeebhokhwe yayiziintsengwanekazi;oozinkomo, zibhokhwe, neegusha yayingamateke-teke,nditsho oku kweenkomo zaseBhashan.Ingqolowa ingachum' iliphupha;asisathethi ke ngediliya naloo wayini ingayiwayo.
15 Kambe ke uYeshurun suka wahlutha wada wakhabalaza;ewe, wakhula wakhukhumala wada waxhathisa.Waza ke wamfulathela uThixo adalwe nguye,wayibukula eyona Ngxondorha imsindisayo.
16 Wamkhweletisa ngokunqula izithixo;wamxhokonxa ngemikhwa emanyumnyezi.
17 Suka waxhelel' iindimoni ezingengoThixo;izithixo awayengazazi ngaphambili,izinto ezingazange zinqulwe nangamanyange.
18 Akayikhathalelanga eyona Ngxondorha aphuma kuyo;suka wamlibala uThixo azelwe nguye.