20 Wathi: “Ubuso bam ndiza kubufihla,ndibone ukuba loba yintoni ikamva labo;kuba basisizukulwana esigwenxa,abantwana abangathembekanga.
21 Ngezi zithixo bayandikhweletisa;ngale mifanekiso bayandixhokonxa.Nam ke ndobakhweletisa ngohlanga olungebantu bam;ndobaxhokonxa ngohlanga olungenangqondo.
22 Kaloku umsindo wam uvutha njengomlilo,udangazela kuye kuthi gaa kwelabafileyo;utshisa umhlaba nemveliso yawo,ude ulenye neziseko zeentaba.
23 “Ndobahlisela ngemfumba yezibetho,iintolo zam ndizifohlele phezu kwabo.
24 Baya kuthi shuu yindlala nephango,bacikidwe ngubhubhani nezifo-yifo,amarhamncwa abaqwengengezo ngxavula zawo,bathi nca bubuhlungu bezirhubuluzayo.
25 Ezindleleni ikrele lishiy' izigede,nasemagumbini bankwantye barhwaqele.Abafana neentombi itshoba lilal' umbethe;iintsana neengwevu nazo zithi dwe.
26 Ngendibatshabalalise kwathi tu,ababi sakhunjulwa naluluntu,