31 Ingxondorha yezinye izizwe ayifani neyethu,nkqu neentshaba zethu ziyayiqonda loo nto.
32 Kuba isidiliya sazo sesaseSodom;ngumdiliya wamasimi aseGomora.Idiliya yazo inetyhefu,izikhinkci zayo ziyakrakra.
33 Eyazo iwayini bubuhlungu benyoka;ngengcwangu nqwa nobuhlungu bephimpi.
34 “Kambe ke isiphelo sazo ndisasibambile;ndisasivalele koovimba bam.
35 Ke yona impindezelo nokubuyekeza kokwam;ngokuhamba kwexesha zode zityibilike.Imini yazo isemnyango;izingqi zentshabalalo ziza zikhawulezile.”
36 Kaloku uNdikhoyo wobavelela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe,akuba eqonda ukuba baphelelwe,kungasekho mahluko phakathi kwenkosi nesicaka.
37 Wosuka ke athi: “Baphi ke abo thixo benu?Iye ngaphi kaloku ingxondorha yenu?