41 ‘Ndiza kulilol’ ikrele lam elidangazelayo;ndihlasele kutsho kuvele ubulungisa.Ke zona iintshaba zam ndozohlwaya,abandithiyileyo ndibaphindezele.
42 Iintolo zam ziza kuxhaph' igazi;ikrele lam liza kudl' enyameni;nditsho igazi labaxatyelweyo nabathinjwa,nkqu negazi leentloko ezinesihlwitha zeentshaba.”
43 Hoyina, zizwe, dumisani ngenxa yabantu bakaNdikhoyo!Kalok' uyalibuyekeza igazi lezicaka zakhe.Zidliwe yimpindezelo iintshaba zakhe;kambe ke uyazicamagushela izono zabantu bakhe nelizwe lakhe.
44 Ke kaloku uMosis noYoshuwa unyana kaNune bawucengceleza wonke lo mbongo, khon' ukuze amaSirayeli awuve.
45 Akuba ke egqibile uMosis ukuwathetha la mazwi kumaSirayeli
46 wathi kuwo: “Wathatheleni ingqalelo onke la mazwi endiwabhekise kuni namhlanje. Ze niwayalele abantwana benu, khon' ukuze bafunde ukuyithobela ngenyameko yonke imfundiso yalo mthetho.
47 Kaloku le mfundiso ayikuko ukulavuza nje, koko bubomi kuni. Ngoko ke yithobeleni niyenze, khon' ukuze nibe nokuma ixesha elide kwelo lizwe niya kulo phesheya kweJordan.”