1 Phambi kokuba afe, uMosis, umfo wakwaThixo, amaSirayeli wawathi jize ngezi zithamsanqeliso:
2 “Kwintaba iSinayi gqi qhaphu *uNdikhoyo;njengelanga wathi gqi kwaEdom.Wabengezela evela kwiintaba zeParan;wavela enamawaka-waka ezithunywa zakhe,kudangazela okomlilo ngasekunene kwakhe.
3 Hayi ukubathanda kwakho abantu bakho!Ewe, uyabafumbatha bonke abalibango lakho.Kungoko basuka bathi guqaqa ezinyaweni zakho,bethobela umnwe wakho,
4 mhla uMosis wabanika umthetho,olibango lebandla likaSirayeli.