10 Uya kufundisa uSirayeli imimiselo yakho,ayale abantu ngomyalelo wakho.Uya kwenza isiqhumiso phambi kwakho,anikele namadini atshiswayo eqongeni lakho.
11 Ndikhoyo, nceda umthi jize ngokomelela,waneliseke ngumsebenzi awenzayo.Ke bona abamvukelayo bavikive;abamthiyayo mabangaze babuye bavele.”
12 NgoBhenjamin wathi:“UNdikhoyo uyamthanda uBhenjamin;yena usoloko emalusile.Uhlala ekhuselekile imini yonke;yena umi phantsi kwephiko lakhe.”
13 NgoJosefu wathi:“Ke lona ithamsanqa likaNdikhoyo likwaJosefu;umhlaba wakhe mawunyakamiswe yimvulanangamanzi emithombo ampompoza phantsi komhlaba.
14 Ilanga nenyanga mazimchumise,ziwulize ngeyona-yona mveliso.
15 Iintaba zamandulo mazivathe iziqhamo;iinduli zamhlamnene maziphuphume imveliso.
16 Umhlaba wakhe mawuvelise eyona-yona;uthamsanqelwe kukulunga kukaNdikhoyoowayekho etyholweni elivuthayo.La mathamsanqa makavele kwaJosefu,yena olitshawe phakathi kwabantakwabo.