21 Yena uzikhethela ezona-zona elizweni,kuba wabelwa inxaxheba yengqwayi-ngqwayi.Umela ubulungisa nemimiselo kaNdikhoyo,zakuba zihlanganisene iinkokheli zakwaSirayeli.”
22 NgoDan wathi:“Ke yena uDan ligatyana lengonyamaelithi tsi liphuma eBhashan.”
23 NgoNafetali wathi:“Yena uNafetali wamkelekile;uphuphuma intsikelelo kaNdikhoyo.Ilifa lakhe lisuka elwandle lihle.”
24 NgoAshere wathi:“UAshere yena unoyolo kunabo bonke;makabe yintandane kubantakwabo,umhlaba wakhe uchume ngumnquma.
25 Imivalo yakhe mayibe yintsimbi nobhedu;angaze aswele mandla esaphila.”
26 “Yeshurun, akakho onjengoThixo wakho,ophalisa isibhakabhaka eze kukusiza,ngobungangamsha bakhe aphalise amafu.
27 Kwamandulo uThixo yena waba likhaya;waba soloko ekuxhasa ngezo ngalo zakhe.Iintshaba zakho waziswantsulisa,wathi: ‘Mazitshatyalaliswe!’