23 NgoNafetali wathi:“Yena uNafetali wamkelekile;uphuphuma intsikelelo kaNdikhoyo.Ilifa lakhe lisuka elwandle lihle.”
24 NgoAshere wathi:“UAshere yena unoyolo kunabo bonke;makabe yintandane kubantakwabo,umhlaba wakhe uchume ngumnquma.
25 Imivalo yakhe mayibe yintsimbi nobhedu;angaze aswele mandla esaphila.”
26 “Yeshurun, akakho onjengoThixo wakho,ophalisa isibhakabhaka eze kukusiza,ngobungangamsha bakhe aphalise amafu.
27 Kwamandulo uThixo yena waba likhaya;waba soloko ekuxhasa ngezo ngalo zakhe.Iintshaba zakho waziswantsulisa,wathi: ‘Mazitshatyalaliswe!’
28 Ngoko ke uSirayeli uhleli ngenzolo,umthombo kaYakobi uthe geqe,uthe gcobho kwelengqolowa newayini,apho izulu lifefeza umbethe.
29 Hay' uyolo onalo wena, Sirayeli!Nguban' ongad' afike kuwe, sizwendini sasindiswa nguNdikhoyo,okwalikhakha nekrele lakho,okuhlanganiselayo akuthi jize ngoloyiso?Neentshaba zakho zitsho zikubongoze,wena uthimbe iindawo zazo eziphakamileyo.”