26 “Yeshurun, akakho onjengoThixo wakho,ophalisa isibhakabhaka eze kukusiza,ngobungangamsha bakhe aphalise amafu.
27 Kwamandulo uThixo yena waba likhaya;waba soloko ekuxhasa ngezo ngalo zakhe.Iintshaba zakho waziswantsulisa,wathi: ‘Mazitshatyalaliswe!’
28 Ngoko ke uSirayeli uhleli ngenzolo,umthombo kaYakobi uthe geqe,uthe gcobho kwelengqolowa newayini,apho izulu lifefeza umbethe.
29 Hay' uyolo onalo wena, Sirayeli!Nguban' ongad' afike kuwe, sizwendini sasindiswa nguNdikhoyo,okwalikhakha nekrele lakho,okuhlanganiselayo akuthi jize ngoloyiso?Neentshaba zakho zitsho zikubongoze,wena uthimbe iindawo zazo eziphakamileyo.”