5 Wena Ndikhoyo waba ngukumkani kaYeshurun,zakuba zihlanganisene iinkokheli zabantu,zakuba ziqukene izizwe zakwaSirayeli.”
6 Wasuka ke uMosis wathetha ngoRubhen, wenjenje:“URubhen makahlal' ehleli angaze atshitshe,nakuba engengakanani ngamanani.”
7 NgoJuda wathi:“Kambe ke, wena Ndikhoyo,bek' iindlebe umphulaphule uJuda,ubuye ummanye namawabo.Yena wazilwela ngezo zandla zakhe, Ndikhoyo,ke ngoko msize ezintshabeni zakhe.”
8 NgoLevi wathi:“Ndikhoyo, *iiurim neethumim otyhila intando yakho ngazo,zezentandane yakho uLevi,yena lowo wamvavanyayo eMasa,owabambana naye emanzin' aseMeribha.
9 Ngoyise nonina wathi: ‘Andiseva ngani.’Ngabantakwabo wathi: ‘Andinazi.’Ngabantwana bakhe wathi: ‘Andisenanto nani.’Ewe, yena wanonophela ilizwi lakho,wanyaniseka kumnqophiso wakho.
10 Uya kufundisa uSirayeli imimiselo yakho,ayale abantu ngomyalelo wakho.Uya kwenza isiqhumiso phambi kwakho,anikele namadini atshiswayo eqongeni lakho.
11 Ndikhoyo, nceda umthi jize ngokomelela,waneliseke ngumsebenzi awenzayo.Ke bona abamvukelayo bavikive;abamthiyayo mabangaze babuye bavele.”