1 Ke kaloku uMosis wesuka kuloo mathafa aseMowabhi, wenyuka intaba iNebho, waya kutsho kuloo ncopho kuthiwa yiPisga imalunga neJeriko. Wathi elapho ke *uNdikhoyo wambonisa lonke elo lizwe: ummandla waseGiliyadi ukunyuka ukuya kutsho kwaDan;
2 nawo wonke umhlaba wakwaNafetali; imimandla yakwaEfrayim nakwaManase, nowakwaJuda ukuya kuthi xhaxhe ngolwandle;
3 ngokunjalo namazantsi akwaJuda; neso sithabazi samathafa ukusuka eZoware ukuya kuma ngeJeriko isixeko samasundu.
4 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Nanko ke umhlaba endathembisa ngawo ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi ndakuze ndiwunike abazukulwana babo. Ndifuna uwubone nje, kuba wena ngokwakho awuzukuya kungena kuwo.”
5 Ngenene ke uMosis isicaka sikaNdikhoyo wafela apho kumhlaba waseMowabhi ngokomlomo kaNdikhoyo.
6 UNdikhoyo wamngcwaba apho kwiintili zaseMowabhi malunga nedolophu iBhete-pehore. Kambe ke akukho bani uyazi ncam indawo elikuyo ingcwaba lakhe unanamhla.
7 Ukufa kwakhe uMosis wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka, kodwa esomelele, engabikwa hlaba, namehlo akhe engekabi nalo norhatyazo.