14 UNdikhoyo wandiyala ukuba ze ndinifundise imimiselo nemigaqo eniya kuyithobela kwelo niwelela kulo ukuba nilimé.”
15 “Xa *uNdikhoyo wayethetha nani eselangatyeni lomlilo kwintaba iHorebhe, zange nisibone isiqu sakhe. Ncedani ke nizigcine,
16 ningaze none ngokuziqingqela umfanekiso, noba uluhlobo luni na, noba yindoda okanye umfazi,
17 isilwanyana okanye intaka,
18 into erhubuluzayo noba yintlanzi.
19 Ningaze nilingeke nizinqule nizibuse izinto enizibona esibhakabhakeni: ilanga, inyanga, neenkwenkwezi. UNdikhoyo uThixo wenu ezi zinto uziyekele ezinye izizwe ukuba zizinqule.
20 Ke nina ningabantu uNdikhoyo abahlangule eJiputa kwiziko lomlilo. Wanikhupha apho, khon' ukuze anenze abantu bakhe ncakasana njengokuba kunjalo namhlanje.