23 Zigcineni kunene, ningaze niwulibale umnqophiso ophakathi kwenu noNdikhoyo uThixo wenu, nisuke niwugqithe umyalelo wakhe, niziqingqele umfanekiso noba ngowantoni na.
24 Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ngumlilo olenyayo; unguThixo onekhwele.
25 “Naxa senaluphele kwelo lizwe, senide nanabantwana nabazukulwana, ukuba nithe nona ngokuziqingqela umfanekiso, noba ngoluhlobo luni na, nenza okubi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, niyamcaphukisa.
26 Ke ngoko namhlanje izulu nomhlaba ngamangqina am: ukuba nithe nenjenjalo niya kukhawuleza ningabikho kwelo lizwe. Aniyi kuhlala thuba lide phaya phesheya kweJordan, kweli lizwe niya kulo ngoku. Niya kutshatyalaliswa niphele tu.
27 UNdikhoyo uya kunisarhaza phakathi kwezizwe apho kuya kusinda iqaqobana nje kuni.
28 Apho ke niya kunqula *oothixo abenziwe ngabantu, abenziwe ngomthi, nangamatye: oothixo abangaboniyo, abangevayo, abangatyiyo, bengajoji nokujoja.
29 Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.