28 Apho ke niya kunqula *oothixo abenziwe ngabantu, abenziwe ngomthi, nangamatye: oothixo abangaboniyo, abangevayo, abangatyiyo, bengajoji nokujoja.
29 Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.
30 Niya kuthi kamva nakuba sengxakini zibe zinihlele zonke ezi zinto, nitsho nibuyele kuNdikhoyo uThixo wenu, nimthobele.
31 Yena unguThixo onemfesane. Akayi kunilahla kuphele, okanye anitshabalalise; ewe, akayi kuwulibala umnqophiso awawenza ngokwakhe nookhokho benu.”
32 “Ze nifunisise nibuzise ngamaxesha amandulo ningekazalwa, de kuye kwixesha apho uThixo wadala umntu emhlabeni. Ze nibuzise ehlabathini liphela. Ngaba into enjengale yakha yehla na ngaphambili? Ngaba ukhona na umntu owakha weva ngento enjengale?
33 Ngaba sikho na isizwe esakha seva uThixo ethetha naso eselangatyeni lomlilo, saza saphila, njengani?
34 Ukhona na omnye *uthixo owakha waphuthuma abantu kwesinye isizwe, waza wabenza abakhe ncakasana? Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu amandla obungangamsha bakhe wawabonakalisa phambi kwenu; wezisa izibetho neemfazwe, wenza imiqondiso nemimangaliso, watsho kwehla izinto ezirhwaqelisayo, nto leyo wayenzayo ngenxa yenu eJiputa.