31 Yena unguThixo onemfesane. Akayi kunilahla kuphele, okanye anitshabalalise; ewe, akayi kuwulibala umnqophiso awawenza ngokwakhe nookhokho benu.”
32 “Ze nifunisise nibuzise ngamaxesha amandulo ningekazalwa, de kuye kwixesha apho uThixo wadala umntu emhlabeni. Ze nibuzise ehlabathini liphela. Ngaba into enjengale yakha yehla na ngaphambili? Ngaba ukhona na umntu owakha weva ngento enjengale?
33 Ngaba sikho na isizwe esakha seva uThixo ethetha naso eselangatyeni lomlilo, saza saphila, njengani?
34 Ukhona na omnye *uthixo owakha waphuthuma abantu kwesinye isizwe, waza wabenza abakhe ncakasana? Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu amandla obungangamsha bakhe wawabonakalisa phambi kwenu; wezisa izibetho neemfazwe, wenza imiqondiso nemimangaliso, watsho kwehla izinto ezirhwaqelisayo, nto leyo wayenzayo ngenxa yenu eJiputa.
35 “UNdikhoyo unibonisile zonke ezi zinto, khon' ukuze niqonde ukuba akukho wumbi, nguye yedwa uThixo.
36 Wahlokomisa ilizwi lakhe emazulwini kuba eniqeqesha. Nathi nilapha emhlabeni wanibonisa umlilokazi wakhe, waza wathetha nani elapho kuwo.
37 Wathi ngenxa yokubathanda ookhokho benu waninyula wanikhupha kwelaseJiputa ngamandla akhe angummangaliso nangobukho bakhe,