39 “Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.
40 Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.”
41 UMosis ke wakhetha iidolophu zantathu ngaphesheya empuma yeJordan,
42 apho umntu wayengaphephela khona, ukuze asinde xa ebulele umntu ongelotshaba lwakhe ngengozi. Xa ebalekele kwezi dolophu wayengenakubulawa.
43 Indlu kaRhubhen wayinika idolophu yaseBhezere kweso sithabazi sentlango; indlu kaGadi yona wayinika iRamoti kwelaseGiliyadi; waza ke yona indlu kaManase wayinika iGolani eBhashan.
44-46 Ke kaloku uMosis wawandlala phambi kwamaSirayeli umthetho kaThixo, ewakhumbuza ngazo zonke izicwangciso nemimiselo nemigaqo yakhe. Kwakusemva kokuphuma kwawo eJiputa, xa ayekuloo ntili iphesheya kweJordan, malunga neBhete-pehore. Apha ke kwakukummandla owawukade ungokaSihon ukumkani wama-Amori owayehlala eHeshbhon. Kaloku uMosis namaSirayeli amoyisa ukuphuma kwabo eJiputa.
47 Bema emhlabeni wakhe, ngokunjalo nakokaOgi ukumkani waseBhashan phesheya kweJordan, owayengomnye wookumkani ababini aba bama-Amori.