1 “Nanku ke umyalelo, imigaqo, nemimiselo endithunywe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba ndinifundise yona. Ngoko ke ze niyithobele nakufika kwelo lizwe niya kulo.
2 Ngalo lonke ithuba lobomi bakho, wena nezizukulwana zakho, kufuneka nimhlonele uNdikhoyo uThixo wakho, uyithobele imithetho nemiyalelo yakhe endikunike yona, khon' ukuze ube nokuxhamla ubomi obude.
3 Hoyina, maSirayeli! Yiphulaphuleni niyithobele le miyalelo! Xa niyenzile ke loo nto nolungelwa nande kakhulu kwelo lizwe lendyebo eliphuphuma ubisi nobusi, elo nilinikwa ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wooyihlo.
4 “Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba!