18 Kuphela ze nenze ezo zinto athi uNdikhoyo zintle zilungile, khon' ukuze nilungelwe. Xa nisenjenjalo ke noba nako ukulizuza elo lizwe lihle kunene lathenjiswa nguNdikhoyo kookhokho benu ngesifungo.
19 Noba nako ukuzigxotha iintshaba zenu ngokwelizwi lakhe.
20 “Kaloku kumaxesha ezayo unyana wakho uya kukubuza athi: ‘Kwakutheni ukuze uNdikhoyo uThixo wethu akunike ezi zicwangciso nale mimiselo, nale migaqo nje?’ Ke wena uze umxelele uthi:
21 ‘Kaloku sasingamakhoboka ekumkani yaseJiputa, waza ke uNdikhoyo wasikhulula ngamandla akhe amakhulu.
22 Ewe, sayibona ngamehlo imiqondiso nemimangaliso erhwaqelisayo awayenzayo uNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nakukumkani nendlu yakhe.
23 Wasikhulula kwelaseJiputa, ukuze asibeke apha kweli lizwe awayebathembise ngalo oobawo-mkhulu ngesifungo.
24 Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje.