21 ‘Kaloku sasingamakhoboka ekumkani yaseJiputa, waza ke uNdikhoyo wasikhulula ngamandla akhe amakhulu.
22 Ewe, sayibona ngamehlo imiqondiso nemimangaliso erhwaqelisayo awayenzayo uNdikhoyo kumaJiputa, ngokunjalo nakukumkani nendlu yakhe.
23 Wasikhulula kwelaseJiputa, ukuze asibeke apha kweli lizwe awayebathembise ngalo oobawo-mkhulu ngesifungo.
24 Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje.
25 Xa sithe sayithobela yonke imiyalelo, siya kumkholisa uNdikhoyo uThixo wethu.’ ”