1 “*UNdikhoyo uThixo wenu uza kuningenisa kwelo lizwe niya kuma kulo. Uza kugxotha izizwe ezininzi kulo; ewe, yoba sisixhenxe sonke sezizwe ezikhulu nezinamandla kunani. Nazi ke: amaHeti, amaGirgashi, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.
2 Ke akuba uNdikhoyo uThixo wenu ezinikele kuni ezi zizwe nazoyisa, kufuneka nizitshabalalise ziphele nya. Ningaze nenze mvumelwano kunye nazo, futhi ze ningabi nanceba tu kuzo.
3 Ningaze nendiselane nazo,
4 kuba ningáthi niyenzile loo nto zibawexule bamlahle uNdikhoyo abantwana benu, banqule thixo bambi. Ingáthi ikhe yenzeka loo nto uNdikhoyo acaphuke anitshabalalise ngoko nangoko.
5 Ngoko ke ze nenjenje kuzo: wadilizeni amaqonga azo, iintsika zazo zamatye niziqhekeze zibe ziingceba, ke yona imifanekiso yesithixokazi sazo uAshera ze niyinqunqe, ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo noyitshisa ngomlilo.