15 UNdikhoyo uya kunikhusela kuzo zonke izifo; soze aniyekele ngezifo ezifana nezo zoyikekayo zaseJiputa, kambe ke zona iintshaba zenu uya kuzibetha ngezi zifo.
16 Ze nizitshabalalise zonke izizwe azinikele kuni uNdikhoyo uThixo wenu, ningazenzeli nceba konke-konke. Ze ningazikhonzi izithixo zazo, kuba ngokwenjenjalo noba nizenzela umgibe.
17 “Nisenokuthi ekucingeni kwenu: ‘Ezi zizwe zikhulu kunathi; soze sizoyise.’
18 Kambe ze ningaxhalabi, koko khumbulani into awayenzayo uNdikhoyo uThixo wenu kukumkani waseJiputa nakwiJiputa iphela,
19 nditsho ezo zibetho zirhwaqelisayo nazibonayo ngawenu amehlo: loo miqondiso, naloo mimangaliso, ngokunjalo nobungangamsha namandla awanikhulula ngawo uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwenjenjalo ke nakwezi zizwe nizoyikayo.
20 Ewe, abo baseleyo kuzo uNdikhoyo uThixo wenu uya kubathumela ngoonomeva, abagubhulule apho bazimeleyo khona, batshabalale.
21 Ngoko ke sanukunkwantya ngenxa yaba bantu, kuba uNdikhoyo uThixo wenu unani, abe ke yena unguThixo omkhulu orhwaqelisayo.