17 “Nisenokuthi ekucingeni kwenu: ‘Ezi zizwe zikhulu kunathi; soze sizoyise.’
18 Kambe ze ningaxhalabi, koko khumbulani into awayenzayo uNdikhoyo uThixo wenu kukumkani waseJiputa nakwiJiputa iphela,
19 nditsho ezo zibetho zirhwaqelisayo nazibonayo ngawenu amehlo: loo miqondiso, naloo mimangaliso, ngokunjalo nobungangamsha namandla awanikhulula ngawo uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwenjenjalo ke nakwezi zizwe nizoyikayo.
20 Ewe, abo baseleyo kuzo uNdikhoyo uThixo wenu uya kubathumela ngoonomeva, abagubhulule apho bazimeleyo khona, batshabalale.
21 Ngoko ke sanukunkwantya ngenxa yaba bantu, kuba uNdikhoyo uThixo wenu unani, abe ke yena unguThixo omkhulu orhwaqelisayo.
22 Ekungeneni kwenu uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzigxotha ngokuzigxotha ezi zizwe. Aniyi kusuka nizitshabalalise ngaxesha-nye, kuba ngaloo ndlela angasuka ande amarhamncwa, ke nina nibe semngciphekweni.
23 UNdikhoyo uya kuzinikela ezandleni zenu iintshaba zenu, azenze zibe namanwele, zidideke, zitshabalale ziphele.