7 “Ke kaloku uNdikhoyo akathanga nca nani waninyula kuba nibaninzi kunezinye izizwe; hayi, kaloku nanisesona sizwe sincinci ehlabathini liphela.
8 UNdikhoyo uninyule kuba enithanda, efuna ukusigcina isifungo awasenzela ooyihlo-mkhulu. Kwakungenxa yeso sizathu ukuze anihlangule ngamandla akhe amakhulu, anikhulule ebukhobokeni phantsi kokumkani waseJiputa.
9 Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.
10 Kambe uya kuziphindezela ngqo kwabo bamthiyileyo, abatshabalalise; ewe, akayi kulibazisa ukuziphindezela.
11 Ngoko ke wuthobeleni ngenyameko lo myalelo nale mimiselo ngokunjalo nale migaqo ndininike yona namhlanje ukuba niyenze.”
12 “Ukuba nithe nayiphulaphula nayithobela le migaqo, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuthi rhoqo ukuwugcina umnqophiso wakhe nani, zithi ke nezibele zakhe ziphuphumele kuni ngokwesifungo sakhe kooyihlo.
13 Uthando lwakhe uya kulubonakalisa kuni, anithamsanqele kangangokuba niqhame nande. Intsikelelo yakhe yofikelela kuni, nizale abantwana, nasemasimini enu nivune ukudla okwaneleyo: okuziinkozo, iwayini, neoyile. Kanti ke neenkomo zenu uya kuzandisa, nditsho nempahla yenu emfutshane ngokunjalo. Yonke ke le nto uya kunenzele kwelo lizwe wanithembisa ngalo kooyihlo-mkhulu ngesifungo.