26 Ndadanduluka ndathi: ‘Awu, Ndikhoyo, Nkosi yam! Ndiyakubongoza, musa ukubatshabalalisa abantu abalibango lakho, owabahlangula wabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa.
27 Khawukhumbule izicaka zakho, ooAbraham, uIsake, noYakobi, ungabasi so aba bantu baneenkani, bazizikhohlakali ezigwenxa,
28 okanye amaJiputa osuka athi: “UNdikhoyo wayengenako ukubathatha abantu bakhe abase kwelo lizwe wayebathembise ngalo. Kungenxa yokuba ebathiyile ukuze emke nabo aye kubaphosa entlango, khon' ukuze ababulale khona.”
29 Andithi na kaloku, Nikhoyo, aba ngabantu abalibango lakho, abantu bakho ncakasana, owabakhulula ngamandla obungangamsha bakho kwelaseJiputa?’ ”