1 Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo, nina bantu bakwaSirayeli.
2 Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Musani ukulinganisa inkqubo yezinye iintlanga;musani ukothuswa yimiqondiso esesibhakabhakeni,naxa zona zisothuka iintlanga.
3 Amasiko eentlanga angamampunge nje.Bagawula umthi ehlathini,ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,
4 uhonjiswe ngesiliva nangegolide,ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.
5 *Oothixo abanjalo bafana nonomgogwanaoxhonywe entsimini yentyabontyi:abakwazi kuthetha,bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba.Musani ukuboyika:akukho nto imbi banganenza yona,kungekho nanto banokunceda ngayo.”